Wathi ukumkani kuBharzilayi, Wela nam wena, ndikuxhase ukum eYerusalem.
34
Wathi uBharzilayi kukumkani, Mingaphi na imihla yeminyaka yokudla kwam ubomi, ukuba ndinyuke ndiye eYerusalem nokumkani?
35
Namhla ndiminyaka imashumi asibhozo ndizelwe; ndinako na ukwazi okulungileyo kokubi? Unako na umkhonzi wakho lo ukuyiva into ayidlayo nayiselayo? Ndisenako na ukuva ilizwi leemvumi neleemvumikazi? Yini na ukuba umkhonzi wakho lo abuye abe ngumth
36
Umkhonzi wakho lo uya kuyiwela ke iYordan nokumkani umzuzwana; yini na ukuba ukumkani andiphathe ngale mpatho?