Bathi ke ooSanebhalati waseHoron, noTobhiya umkhonzi, umAmon, noGeshem umArabhi, bakuyiva loo nto, basigculela, basidela, bathi, Yintoni na le nto niyenzayo? Niya kugwilika na kukumkani?
20
Ndabaphendula, ndathi kubo, UThixo wamazulu nguye oya kusiphumelelisa; thina bakhonzi bakhe siya kusuka sakhe; ke nina aninasabelo nalungelo nasikhumbuzo eYerusalem.