Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, abakhonzi bam baya kudla, ke nina niya kulamba; yabonani, abakhonzi bam baya kusela, ke nina niya kunxanwa; yabonani, abakhonzi bam baya kuvuya, ke nina niya kudana.
14
Yabonani, abakhonzi bam baya kumemelela ngokuchwayitha kwentliziyo, ke nina niya kukhala ngumvandedwa wentliziyo, nibhomboloze kukwaphuka komoya wenu.
15
Niya kulishiya igama lenu libe sisishwabulo kubanyulwa bam, ikubulale iNkosi uYehova, ke ibabize ngalimbi igama abakhonzi bayo;