Nelizwe liya kushiywa ngabo laneliswe ziisabatha zalo, xa kuthe kwasenkangala, ababakho kulo; baneliswe bona bubugwenxa babo ngenxa enokuba bawacekisayo amasiko am, nomphefumlo wabo wadimala yimimiselo yam.
44
Kanti ke noko kude kwanjalo, baba sezweni leentshaba zabo, andibacekisele; andidimele ngabo ukuba ndibagqibe, ndaphule umnqophiso wam nabo; kuba ndinguYehova, uThixo wabo.