Sprache
Deutsch
English
Homepage
FAQ
Beispiele
Autoren
Links & Downloads
Impressum
Benutzername
Passwort
Passwort vergessen ?
Statistische Übersicht
Bibel Versionen
Bibel nach Buch, Kapitel
Bibel nach Wortindex
Bibel durchsuchen
Strukturelle Analyse
Manueller Vergleich
Automatischer Vergleich
Kapitel Ansicht
Bibel:
Afrikaans 1953 †
Albanian †
Amharic NT
Arabic: Smith & Van Dyke †
Aramaic NT: Peshitta †
Armenian (Eastern): (Genesis, Exodus, Gospels)
Armenian (Western): NT
Basque (Navarro-Labourdin): NT
Chamorro (Psalms, Gospels, Acts)
Chinese: Union (Simplified) †
Chinese: Union (Traditional) †
Coptic: Bohairic NT
Coptic: New Testament
Coptic: Sahidic NT
Croatian
Czech BKR †
Czech CEP †
Czech KMS †
Czech NKB †
Danish †
Dutch Staten Vertaling †
English: American Standard Version
English: Basic English Bible
English: Darby Version
English: Douay-Rheims
English: King James Version
English: Webster's Bible
English: Weymouth NT
English: World English Bible
English: Young's Literal Translation
Estonian †
Finnish: Bible (1776) †
Finnish: Pyhä Raamattu (1933/1938) †
Finnish: Pyhä Raamattu (1992) †
French: Darby
French: Louis Segond (1910) †
French: Martin (1744)
French: Ostervald (1996 revision)
Georgian (Gospels, Acts, James)
German: Elberfelder (1871) †
German: Elberfelder (1905) †
German: Luther (1545) †
German: Luther (1912) †
German: Schlachter (1951) †
Gothic (Nehemiah, NT Portions) [Latin Script]
Greek NT: Byzantine/Majority Text (2000) [Parsed] †
Greek NT: Byzantine/Majority Text (2000) †
Greek NT: Textus Receptus (1550/1894) [Parsed] †
Greek NT: Textus Receptus (1550/1894) †
Greek NT: Tischendorf 8th Ed. †
Greek NT: Westcott/Hort, UBS4 variants [Parsed] †
Greek NT: Westcott/Hort, UBS4 variants †
Greek OT: LXX [A] Accented
Greek OT: LXX [A] Accented Roots Parsing
Greek OT: LXX [A] Unaccented
Greek OT: LXX [A] Unaccented Roots Parsing
Greek: Modern †
Hebrew OT: Aleppo Codex †
Hebrew OT: BHS (Consonants Only)
Hebrew OT: BHS (Consonants Vowels)
Hebrew OT: Westminster Leningrad Codex †
Hebrew OT: WLC (Consonants Only) †
Hebrew OT: WLC (Consonants Vowels) †
Hebrew: Modern †
Hungarian: Karoli †
Italian: Giovanni Diodati Bible (1649) †
Italian: Riveduta Bible (1927) †
Kabyle: NT
Korean †
Latin: Nova Vulgata
Latin: Vulgata Clementina
Latvian New Testament
Lithuanian †
Manx Gaelic (Esther, Jonah, Four Gospels)
Maori
Myanmar/Burmse: Judson (1835)
Norwegian: Det Norsk Bibelselskap (1930)
Portuguese: Almeida Atualizada †
Potawatomi: (Matthew, Acts) (Lykins, 1844)
Romani NT: E Lashi Viasta (Gypsy)
Romanian: Cornilescu
Russian: Makarij Translation (Pentateuch) (1825) †
Russian: Synodal Translation (1876) †
Russian: Victor Zhuromsky NT †
Scots Gaelic (Gospel of Mark)
Spanish: Reina Valera (1909) †
Spanish: Reina Valera NT (1858) †
Spanish: Sagradas Escrituras (1569)
Swahili NT †
Swedish (1917)
Tagalog: Ang Dating Biblia (1905)
Tamajaq Portions
Thai: from KJV †
Turkish
Turkish: NT (1987, 1994)
Ukrainian: NT (P.Kulish, 1871)
Uma NT †
Vietnamese (1934) †
Wolof NT
Xhosa †
(
Index
)
Buch:
1 Mose
2 Mose
3 Mose
4 Mose
5 Mose
Josua
Richter
Rut
1 Samuel
2 Samuel
1 Koenige
2 Koenige
1 Chronik
2 Chronik
Esra
Nehemia
Ester
Hiob
Psalm
Sprueche
Prediger
Hohelied
Jesaja
Jeremia
Klagelieder
Hesekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadja
Jona
Micha
Nahum
Habakuk
Zephanja
Haggai
Sacharja
Maleachi
Matthaeus
Markus
Lukas
Johannes
Apostelgeschichte
Roemer
1 Korinther
2 Korinther
Galater
Epheser
Philipper
Kolosser
1 Thessalonicher
2 Thessalonicher
1 Timotheus
2 Timotheus
Titus
Philemon
Hebraeer
Jakobus
1 Petrus
2 Petrus
1 Johannes
2 Johannes
3 Johannes
Judas
Offenbarung
Kapitel:
Vers
Text
1
Wathetha uYehova kuMoses entlango yaseSinayi, ententeni yokuhlangana, ngolokuqala usuku lwenyanga yesibini, ngomnyaka wesibini wokuphuma kwabo ezweni laseYiputa, esithi,
2
Thabathani inani lebandla lonke loonyana bakaSirayeli, ngokwemizalwane yabo ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama yonke into eyindoda, ngokwentloko yayo.
3
Nothabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe ninyuse, bonke abaphuma umkhosi kwaSirayeli; nibabale emlibeni ngokwemikhosi yabo, wena noAron;
4
kubekho nani indoda esizweni ngasinye, indoda eyintloko yendlu kayise.
5
Ngawo la amagama amadoda aya kuma nani: kwaRubhen: uElitsure unyana kaShediyure;
6
kwaSimon: uShelumiyeli unyana kaTsurishadayi;
7
kwaYuda: uNashon unyana ka-Aminadabhi;
8
kwaIsakare: uNathaniyeli unyana kaTsuhare;
9
kwaZebhulon: uEliyabhi unyana kaHelon;
10
koonyana bakaYosefu: kwaEfrayim: uElishama unyana ka-Amihudi; kwaManase: uGamaliyeli unyana kaPedatsure;
11
kwaBhenjamin: uAbhidan unyana kaGidiyoni;
12
kwaDan: uAhiyezere unyana ka-Amishadayi;
13
kwa-Ashere: uPagiyeli unyana kaOkran;
14
kwaGadi: uEliyasafu unyana kaDehuweli;
15
kwaNafetali: uAhira unyana kaEnan.
16
Ngabo abo babizwe libandla, abazizikhulu zezizwe zooyise, abaziintloko zamawaka akwaSirayeli bona.
17
OoMoses noAron bawathabatha loo madoda ahleliweyo ngamagama.
18
Balibizela ndawonye lonke ibandla ngolokuqala usuku lwenyanga yesibini, ukuba baxele ukuzalwa kwabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, ngokweentloko zabo.
19
Njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses, wababala entlango yaseSinayi.
20
Koonyana bakaRubhen, owamazibulo kaSirayeli, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, ngokweentloko zabo, yonke into eyindoda ethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, inyuse, bonke abaphuma umkhosi:
21
abalwayo kubo besizwe sakwaRubhen, baba ngamashumi amane anamathandathu amawaka, anamakhulu mahlanu.
22
Koonyana bakaSimon, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ababalwa kubo ngenani lamagama, ngokweentloko zabo, yonke into eyindoda ethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, inyuse, bonke baphuma umkhosi;
23
ababalwayo kubo besizwe sakwaSimon, baba ngamashumi amahlanu anesithoba amawaka, anamakhulu mathathu.
24
Koonyana bakaGadi, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:
25
ababalwayo kubo besizwe sakwaGadi, baba ngamashumi amane anamahlanu amawaka, anamakhulu mathandathu, anamanci mahlanu.
26
Koonyana bakaYuda, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:
27
ababalwayo kubo besizwe sakwaYuda, baba ngamashumi asixhenxe anamane amawaka, anamakhulu mathandathu.
28
Koonyana bakaIsakare, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:
29
ababalwayo kubo besizwe sakwaIsakare, baba ngamashumi amahlanu anamane amawaka, anamakhulu mane.
30
Koonyana bakaZebhulon, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:
31
ababalwayo kubo besizwe sakwaZebhulon, baba ngamashumi amahlanu anesixhenxe amawaka, anamakhulu mane.
32
Koonyana bakaYosefu: koonyana bakaEfrayim: inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:
33
ababalwayo kubo besizwe sakwaEfrayim, baba ngamashumi amane amawaka, anamakhulu mahlanu.
34
Koonyana bakaManase, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:
35
ababalwayo kubo besizwe sakwaManase, baba ngamashumi amathathu anamabini amawaka, anamakhulu mabini.
36
Koonyana bakaBhenjamin, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwenzindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:
37
ababalwayo kubo besizwe sakwaBhenjamin, baba ngamashumi amathathu anamahlanu amawaka, anamakhulu mane.
38
Koonyana bakaDan, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:
39
ababalwayo kubo besizwe sakwaDan, baba ngamashumi amathandathu anamabini amawaka, anamakhulu asixhenxe.
40
Koonyana baka-Ashere, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke baphuma umkhosi:
41
ababalwayo kubo besizwe sakwa-Ashere, baba ngamashumi amane analinye amawaka, anamakhulu mahlanu.
42
Koonyana bakaNafetali, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:
43
ababalwayo kubo besizwe sakwaNafetali, baba ngamashumi amahlanu anamathathu amawaka, anamakhulu mane.
44
Ngabo abo babalwayo, babalwayo nguMoses, noAron, nezikhulu zakwaSirayeli ezilishumi elinazibini, iyileyo indoda ibalelwa indlu kayise.
45
Bonke ababalwayo boonyana bakaSirayeli ngokwezindlu zooyise, bathabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi kwaSirayeli:
46
bonke ababalwayo baba ngamakhulu amathandathu amawaka, anamawaka mathathu, anamakhulu mahlanu, anamanci mahlanu.
47
Ke bona abaLevi, ngokwesizwe sezindlu zooyise, ababalelwanga phakathi kwabo.
48
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
49
Kodwa sona isizwe sakwaLevi uze ungasibali; ungalithabathi inani laso phakathi koonyana bakaSirayeli.
50
Wena ke abaLevi uze ubenze bavelele umnquba wesingqino nempahla yawo yonke, nento yonke ekuwo, bawuthwale umnquba nempahla yawo yonke, balungiselele kuwo, bamise iintente zabo ngeenxa zonke emnqubeni.
51
Ekundulukeni komnquba wowiswa ngabaLevi; ekumisweni komnquba wophakanyiswa ngabaLevi; owasemzini osondelayo kuwo makabulawe.
52
Oonyana bakaSirayeli bomisa elowo intente yakhe eminqubeni yakowabo, elowo ebhanileni yakowabo, ngokwemikhosi yabo.
53
AbaLevi bona bozimisa ezabo ngeenxa zonke emnqubeni wesingqino, ukuze kungezi burhalarhume phezu kwebandla loonyana bakaSirayeli, basigcine abaLevi isigxina somnquba wesingqino.
54
Benza ke oonyana bakaSirayeli; njengako konke uYehova abemwisele umthetho uMoses, benjenjalo.
Benutzername
Passwort
Passwort vergessen ?
Sprache
Deutsch
English
Statistische Übersicht
Bibel Versionen
Bibel nach Buch, Kapitel
Bibel nach Wortindex
Bibel durchsuchen
Strukturelle Analyse
Manueller Vergleich
Automatischer Vergleich
Homepage Menü
Homepage
FAQ
Beispiele
Autoren
Links & Downloads
Impressum