nyukani niye entabeni, nilikhangele ilizwe ukuba linjani na, nabantu abemi kulo, ukubabomelele, bangamaphakuphaku, kusini na; bambalwa, baninzi, kusini na;
19
ukuba linjani na ilizwe abemi kulo, lihle, libi, kusini na; ukuba injani na imizi abemi kuyo, baseminqubeni, basezinqabeni, kusini na;
20
ukuba linjani na ilizwe elo, liyachuma, alichumi, kusini na; linemithi, alinayo, kusini na. Yomelelani, nize neziqhamo zelo zwe. Loo mihla yabe iyimihla yentlahlela yeediliya.