Kuthe akungena etempileni, xa afundisayo, beza kuye ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu, besithi, Ezi zinto uzenza ngagunya lini na? Kananjalo ngubani na okunike eli gunya?
24
Waphendula ke uYesu wathi kubo, Nam ndiya kubuza kuni zwi-nye; endothi, ukuba nithe nandixelela lona, ndinixelele nam ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto: