Waphuma apho ke weza kwelakowabo; bamlandela abafundi bakhe.
2
Uthe kwakubakho isabatha, waqala ukufundisa endlwini yesikhungu; baza abaninzi, bakuva, bakhwankqiswa, besithi, Lo uzizuze phi na ezi zinto? Bubulumko buni na obu abunikiweyo, le nto nemisebenzi yamandla enjengale yenzekayo ngezandla zakhe?
3
Lo akayiyo na ingcibi yokwakha, unyana kaMariya, umzalwana ke kaYakobi noYose noYuda noSimon? Noodade babo abakuthi apha na? Baye bekhubeka kuye.