Yonke imiphefumlo mayiwalulamele amagunya awongamileyo. Kuba akukho gunya lingelilo elivela kuThixo; amagunya ke akhoyo amiswe nguThixo.
2
Ngoko ke olichasayo igunya, umelene nommiselo kaThixo; abo ke bameleneyo nawo, baya kuziguqulela ukugwetywa.
3
Kuba abaphathi aba asingabokoyikwa kwimisebenzi elungileyo, ngabokoyikwa kwemibi. Unga akungeloyiki na ke igunya? Yenza okulungileyo, wodunyiswa kwalilo;
4
kuba lingumlungiseleli kaThixo, wokuba kulungele wena. Ke, ukuba usuka wenze okubi, yoyika; kuba alifumane laliphatha ikrele, kuba lingumlungiseleli kaThixo, umphindezeli ngengqumbo kowenza okubi.