Onjalo ke makacinge le nto: njengoko sinjalo ngako ukuthetha ngeencwadi, sakuba singekho, sikwanjalo ngawo umsebenzi, sakuba sikho.
12
Kuba asinabuganga bakuzibalela nakuzifanisa nabo abathile abaziyalezayo; bona abanangqondo, bezilinganisela nje kwakubo ngokwabo, bezifanisa nje nabo ngokwabo.
13
Ke thina asisayi kuqhayisa sigqithise emlinganiselweni; soqhayisa ngokomlingani selo womda esiwabelwe nguThixo, ukuba ube ngumlinganiselo oya kufikelela nakuni.
14
Kuba asizoluli ngokugqithiseleyo, ngathi asifikeleli kuni; kuba sesafikelelayo nakuni sineendaba ezilungileyo zikaKristu.
15
Asiqhayisi sigqithise emlinganiselweni ngokubulaleka kwabanye; ke sinethemba, ukuba lwakukhula ukholo lwenu, siya kwenziwa bakhulu phakathi kwenu ngokomda wethu, sigqithisele,
16
side sizishumayele iindaba ezilungileyo ezindaweni ezingaphaya kwenu; singaqhayisi ngesilinganiselo somnye, ngezinto ke esezilungisiwe.
17
Oqhayisayo ke, makaqhayise ngeNkosi.
18
Kuba oyena ucikidekileyo asingoziyalezayo, ngoyalezwa yiNkosi.