Zintanda, ngoku singabantwana bakaThixo. Akukabonakali ke into esiya kuba yiyo; ke siyazi ukuba, xa athe wabonakala, sofana naye; ngokuba siya kumbona njengoko anjalo.
3
Bonke abanalo eli themba kuye, bazenza nyulu, njengokuba yena enyulu.
4
Bonke abasenzayo isono benza okuchasene nomthetho; sona isono sikukuchasana nomthetho.
5
Niyazi ke ukuba yena wabonakaliswa, ukuze azithwale azisuse izono zethu; kananjalo akukho sono kuye.