menu.png
Passwort vergessen ?

Kapitel Ansicht

 (Index)


•••► •••►
Vers Text
1 Ayihlanganisa ke amaFilisti yonke imikhosi yawo eAfeki. AmaSirayeli amisa ngasemthonjeni oseYizereli.
2 Izikhulu zamaFilisti zadlula zinamakhulu, zinamawaka; uDavide namadoda akhe bedlula ngasemva noAkishe.
3 Bathi abathetheli bamaFilisti, Ayini na la maHebhere apha? Wathi uAkishe kubathetheli bamaFilisti, Lo asinguyena uDavide umkhonzi kaSawule, ukumkani wamaSirayeli, oseleneemini neminyaka enam? Andifumananga mposiso kuye, kuthabathela kumhla awaph
4 Abathetheli bamaFilisti baba noburhalarhume ngakuye, bathi kuye abathetheli bamaFilisti, Yibuyise loo ndoda, ibuyele endaweni yayo, apho wayiyalela khona, ingehli nathi iye ekulweni, hleze isichase ekulweni. Angazikholisisa ngantoni na lo enkosin
5 Lo asinguye na uDavide, ababevuma ngaye ekungqungqeni, besithi, USawule ubulele amawaka akhe, UDavide ubulele amawaka akhe angamashumi?
6 UAkishe wambiza uDavide, wathi kuye, Ehleli nje uYehova, uthe tye wena; kuhle emehlweni am ukuphuma kwakho nokungena kwakho nam emkhosini; ngokuba andifumananga bubi kuwe, kuthabathela kumhla wokuza kwakho kum, kuzise kule mini; ke emehlweni ez
7 Ke ngoko buya, uhambe unoxolo, ungenzi bubi emehlweni ezikhulu zamaFilisti.
8 Wathi uDavide kuAkishe, Ndenze ntoni na? Ufumene ntoni na kumkhonzi wakho, kuthabathela kumhla wokubakho kwam phambi kwakho, kuzise kule mini, ukuba ndingayi nje, ndilwe neentshaba zenkosi yam ukumkani?
9 Waphendula uAkishe wathi kuDavide, Ndiyazi ukuba ulungile emehlweni am njengesithunywa sikaThixo; kodwa abathetheli bamaFilisti bathe, Makangenyuki nathi, aye ekulweni.
10 Ngoko vuka kusasa ngomso, nabakhonzi benkosi yakho abaze nawe; nivuke kusasa ke ngomso, kwakusathi nwe, nihambe.
11 Bavuka ke kusasa uDavide, yena namadoda akhe, bahamba kwakusasa, babuyela ezweni lamaFilisti. AmaFilisti enyuka ke, aya eYizereli.