menu.png
Passwort vergessen ?

Bibel durchsuchen

 (Index)


Gefundene Einträge

•••► •••►
Buch Kapitel Vers Text
1 Mose 1 1 Ekuqalekeni uThixo wadala amazulu nehlabathi.
1 Mose 1 2 Ke ehlabathini kwakusenyanyeni, kuselubala; kwakumnyama phezu kwamanzi enzonzobila. UMoya kaThixo wafukama phezu kwamanzi lawo.
1 Mose 1 3 Wathi uThixo, Makubekho ukukhanya. Kwabakho ke ukukhanya.
1 Mose 1 4 Wakubona ke uThixo ukukhanya ukuba kulungile, wahlula uThixo phakathi kokukhanya nobumnyama.
1 Mose 1 5 Wathi uThixo ukukhanya yimini, wathi ubumnyama bubusuku. Kwahlwa, kwasa: yangumhla wokuqala.
1 Mose 1 6 Wathi uThixo, Makubekho isibhakabhaka phakathi kwawo amanzi, sibe ngumahlulo wokwahlula amanzi kumanzi.
1 Mose 1 7 Wasenza uThixo isibhakabhaka, wawahlula amanzi angaphantsi kwesibhakabhaka kuwo amanzi angaphezu kwesibhakabhaka. Kwaba njalo.
1 Mose 1 8 Wathi uThixo isibhakabhaka ngamazulu. Kwahlwa, kwasa: yangumhla wesibini.
1 Mose 1 9 Wathi uThixo, Amanzi angaphantsi kwamazulu makahlanganiselwe ndaweni-nye, kubonakale okomileyo. Kwaba njalo.
1 Mose 1 10 Wathi uThixo okomileyo ngumhlaba, wathi intlanganisela yamanzi ziilwandle. Wabona uThixo ukuba kulungile.
1 Mose 1 11 Wathi uThixo, Umhlaba mawuphume uhlaza, imifuno evelisa imbewu, imithi yeziqhamo, eyenza iziqhamo ngohlobo lwayo, embewu ikuyo, emhlabeni. Kwaba njalo.
1 Mose 1 12 Umhlaba waphuma uhlaza, nemifuno evelisa imbewu ngohlobo lwayo, nemithi eyenza iziqhamo, embewu ikuyo, ngohlobo lwayo. Wabona uThixo ukuba kulungile.
1 Mose 1 13 Kwahlwa kwasa: yangumhla wesithathu.
1 Mose 1 14 Wathi uThixo, Makubekho izikhanyiso esibhakabhakeni samazulu, zibe ngumahlulo wokwahlula imini kubusuku; zibe zezemiqondiso, zibe zezamaxesha amisiweyo, zibe zezemihla neminyaka;
1 Mose 1 15 mazibe zizikhanyiso esibhakabhakeni samazulu, zikhanyise ehlabathini. Kwaba njalo.

Seite:   1 2 3 4 5 6