Gefundene Einträge
Buch | Kapitel | Vers | Text |
1 Mose | 1 | 1 | Ekuqalekeni uThixo wadala amazulu nehlabathi. |
1 Mose | 1 | 2 | Ke ehlabathini kwakusenyanyeni, kuselubala; kwakumnyama phezu kwamanzi enzonzobila. UMoya kaThixo wafukama phezu kwamanzi lawo. |
1 Mose | 1 | 3 | Wathi uThixo, Makubekho ukukhanya. Kwabakho ke ukukhanya. |
1 Mose | 1 | 4 | Wakubona ke uThixo ukukhanya ukuba kulungile, wahlula uThixo phakathi kokukhanya nobumnyama. |
1 Mose | 1 | 5 | Wathi uThixo ukukhanya yimini, wathi ubumnyama bubusuku. Kwahlwa, kwasa: yangumhla wokuqala. |
1 Mose | 1 | 6 | Wathi uThixo, Makubekho isibhakabhaka phakathi kwawo amanzi, sibe ngumahlulo wokwahlula amanzi kumanzi. |
1 Mose | 1 | 7 | Wasenza uThixo isibhakabhaka, wawahlula amanzi angaphantsi kwesibhakabhaka kuwo amanzi angaphezu kwesibhakabhaka. Kwaba njalo. |
1 Mose | 1 | 8 | Wathi uThixo isibhakabhaka ngamazulu. Kwahlwa, kwasa: yangumhla wesibini. |
1 Mose | 1 | 9 | Wathi uThixo, Amanzi angaphantsi kwamazulu makahlanganiselwe ndaweni-nye, kubonakale okomileyo. Kwaba njalo. |
1 Mose | 1 | 10 | Wathi uThixo okomileyo ngumhlaba, wathi intlanganisela yamanzi ziilwandle. Wabona uThixo ukuba kulungile. |
1 Mose | 1 | 11 | Wathi uThixo, Umhlaba mawuphume uhlaza, imifuno evelisa imbewu, imithi yeziqhamo, eyenza iziqhamo ngohlobo lwayo, embewu ikuyo, emhlabeni. Kwaba njalo. |
1 Mose | 1 | 12 | Umhlaba waphuma uhlaza, nemifuno evelisa imbewu ngohlobo lwayo, nemithi eyenza iziqhamo, embewu ikuyo, ngohlobo lwayo. Wabona uThixo ukuba kulungile. |
1 Mose | 1 | 13 | Kwahlwa kwasa: yangumhla wesithathu. |
1 Mose | 1 | 14 | Wathi uThixo, Makubekho izikhanyiso esibhakabhakeni samazulu, zibe ngumahlulo wokwahlula imini kubusuku; zibe zezemiqondiso, zibe zezamaxesha amisiweyo, zibe zezemihla neminyaka; |
1 Mose | 1 | 15 | mazibe zizikhanyiso esibhakabhakeni samazulu, zikhanyise ehlabathini. Kwaba njalo. |